12/04/2023
Slowly but surely
“Ibhayibhile ingcolile”
Imvuselelo ebibenjwe kulempela veki ngabenkolo kaNtu kwilali yaku Tshetshengwane kumzi wakwa Dlamini ivalwe ngokutshiswa kweebhayibhile zabo bebesenazo babe bekwinkolo kaNtu,ngelithi i bhayibhile injongo zayo zingcolile.
Le mvuselelo iqale ngocweyo kubusuku bangoMgqibelo nalapho bekuphononongwa kufundiswa ngamasiko nezithethe zakwaNtu.
Yintoni iNkolo kaNtu ,ibhalwephi?Sibuzile.
“Inkolo kaNtu yimontlalo yomntu omnyama,yimilimandlela eyashiywa ngokhokho bethu phambi kokuba sigutyungelwe lishwangusha lokogqunywa zezinye iinkolo.
Ayinankokheli,ayiqanjwanga kwaye ayifikanga kuthi sizalelwe kuyo.Ewe yayingekho mlonyeni kwaphambile phaya ngoba kwakungekho mfuneko yakuyibhengeza kaloku bubom ebebuphilwa bungakhuphisani nenye inkolo.Sele siphakamanje ngoku sikhwaza ngayo siyabona okokuba iyasishiya sele kuyi mfamlibe”,le yingcaciso kaNobhala weNkolo kaNtu phesheya kweNciba uMnumzana u Mthembeni Mbaleni uMthembu.
Zivakele izithethi zigadla ngexesha lengxoxo bambi besithi othi ulahla izinto zesiNtu makasele elahla kwa ifani kunye nesiduko ukuqhawula umnombo atsho ke umntu abenefani engu Krestu.Kananjalo kukwa khalinywe kanobom kwabo bangomacala ukutsho aba bambe ubuKrestu kwakunye nenkolo kaNtu.
“Inobungozi kakhulu lento yokuxuba ngoba kaloku isizwe ngasinye okanye uhlanga ngalunye lunenkcubeko yalo apho luqhakamshelana khona namanyange,izinyanya okanye izihlwele zalo.Azikwazi kuxutywa kwaye izakuxuba amasiko ethu ze isizukulwana esizayo siphele sele singazi neyona yona kanjalo kulimala isizwe somntu omnyama.”utshilo uMthembu.
UMthembu uthe ngexesha sibuzwa ngoku tshiswa kweebhayibhile nentsingiselo yesenzo eso “Ibhayibhile,utywala bomlungu,imali kunye nemfundo zizixhobo ezeza nabelungu ukuze basoxuthe ubuthina.
Namhlanje ke kuzobuyiselwa kubaninizo zizitshovela ke kubuntu bethu utywala bomlungu obafika bapecula isimilo somdaka savusa ubundlobongela.
Ibhayibhile le ize igqunyathelwe ngemfundo zebathi abantu bakowethu bakuzamkela bathi baguqukile ,ewe baguqikile baflathela ububona nezinyanya zabo ngemgundo bathi baphucukile ,impucuko yimpuncuko umntu uphuncukene nobuyena ”uqhubeke watsho uMthembu.
Kukwakhuthazwe kakukhulu ukuba abantu mababuyele emgqubeni emaxhantini ngoba impilo yomdaka isemaxhanti bememelela ibuyaMbo.